Advertisement

Alifikanga ligalelekile ixesha le-Afrika Unite

MONTI- Lifikile elaxesha lokuba amaAfrika aphinde adibane ekuzonwabiseni kumbhiyozo womculo osezingeni eliphezulu, eMonti ngomhla we-15 kweyoMnga 2024. Lomsitho nokunyaka wawo wesithandathu ukusukela wasunguluwa, ukwangu msitho ekujoliselwe ekuphembeleni ubumbano kwilizwekazu leAfrika.

Lombhiyozo nowaziwa ngobumbano lweAfrika namasiko’Afrika Unite Cultural International Festival'(AUCIF) ngumnyhadala ebesekelwe amagugu nezithethe kwinyanga yoMsintsi kulo umiyo, ngenxa yokubhidama kwe komityi washexiselwa umhla we 15 kule imiyo.

Umsunguli walomsitho uLuzuko Khohli ubongoze ngelithi,” Nanjengoko sijamelene nemiceli-mngeni eminizi ukusingatha lomnyhadala, sizakuqinisekisa ukuba abalandeli bethu bayonwaba kwaye bakhuselekile kulombhiyozo.

Akawuvalanga umlomo uSinethemba Gayiza noyingxenye yabaququzeleli ngelixa evakalisa uchulumanco kulomsitho, ” Utshintsho luze nolutho ngakulo msitho nanjengoko songezelele osaziwayo abasezingeni eliphezulu, abafana noMlindo the Vocalist kunye nhoScotts Maphuma”.

Kanti lomsitho unikwe inkxaso ziziphathi mandla zaseburhulumenteni nalapho umanejala wezonxibelelwano kwiSebe lezeMidlalo, inkcubeko kunye nobugcisa eMpuma Koloni uAndile Nduna uwothulele umqwazi lomnyhadala ngelithi,” Silisebe siyavuya ngolubambiswano kwaye siyalixhasa nanjengoko limanyene nenjongo zethu zokuphucula nokuqinisekisa ukuphuhla kobugcisa”.

Ukuqhubekeka i-arhente yezokhenketho ephondweni nayo igxwal’emswaneni, ingqonyela yale arhente uVuyisani Dayimani uthethe wenjenje, “Olubumbwano phakathi kwethu neAfrika Unite luphuhliso oluhle kakhulu apha ephondweni kwaye linefuthe nakwezoqoqosho.”

Kanti lowo-nalowo uziva enqwena, amatiki asafumaneka emasangweni.

Kubongozwa kucetyiswa ngelithi izixhobo ezinobungozi kunye nezinto ezikrobokayo azivumelekanga kwaphela.

Luxolo Buli

15 EyoMnga 2024