XHORHA- Izithethi zigalele kophuka neyokuvika kumxhamsholo netheko lokuthweswa kwezidanga zeenkokheli zangomso, elitheko beliququzelwa yingqonyela ephezulu uNkskz Khunjulwa Nelson nokwaMphathi wesikolo samabanga aphantsi i-Lovedale Kids College kwidolophu yaseXhorha.
Itheko eli belizinyaswe zizinxiba-mxhaka eziphuma kwiiDyunivesithi ezahlukeneyo, izikolo ezingqonge le ndawo bezimelwe ngabafundisi-ntsapho bazo. Inyama yona ibidlala abantwana, wonke umntu etyibilika ebhotolweni bambi bedlala ugqaphu ngeSoseji.
Obewisa intetho kwelitheko umfundisi uNamba onguMgebe isiduko kwindawo yaseMqanduli uye wagxila kwindlela yokukhulisa umntwana echankcatha phezu komgomo othi, ‘Improving a strong mindset of a child.’ Uye wachaphazela izinto eziliqela nalapho ubesithi xa umntwana eneminyaka emithathu(3) ukuya kwemithandathu(6) lelona xesha lihle nelilungele ukuba uthethe naye ngezinto ezizokumchaphazela xa sele emdala. Uqhube wathi ukuba umntwana ufuna ukubaligqwetha, ugqirha okanye ititshala, mthengele izinto zokudlala(Toys) ezihambelana ncakasana nekhondo elo anqwenela ukulilandela.
Bekuyimiqondi, abantu bephume ngobuninzi babo ukuzoxhasa itheko labantwana nelibeyimpumelelo. Ijelo losasazo i-Eastern Cape Daily News belimelwe nalo, kwaye obesezintanjeni ngengombhexeshi welitheko ibingumpondo-zihlanjiwe wentatheli yeliphepha-ndaba.
Asiyityanga siyosulele entloko inyama. Bagotywa besebatsha, bathi oondlebe zikhanyi-langa, ‘Charity Begins at Home’, Ingqeqesho iqala ekhaya.
umfanekiso: Mzukisi Mangwane

















Leave a Reply