Advertisement

Kugetyengwe indoda kwithafa elibekelwe bucala

MAKHANDA- Amapolisa waseMakhanda aphanda ityala lokugetyengwa kwendoda eneminyaka engama-43 ubudala. Emzimbeni walendoda kugcwele amanxeba wokudutyulwa, umzimba wakhe ubhaqwe udunduluze kwithafa elibekelwe bucala nalapho kuhlala abakhwetha khona eJoza.

Othethela amapolisa uKapteni Marius McCarthy uthe, “Umzimba walendoda uyaziwa, kodwa bazakulinkonya igama lakhe kude kuqukunjelwe uphando.”

Abazibonele ngamehlo kwingxelo yeGrocott’s Mail bathi ingathi ngumntu lo ubebethwa kuba unezivubeko nemivumbo ebusweni. Ingxelo yeGrocott’s Mail iqhuba ithi, “Akungeke kube kanti udutyulelwe kula ndawo kuba ikufutshane namabhoma, kubonakala ngathi udutyulelwe kwenye indawo waze wayakulahlwa kuba khange kuvakale zithonga.”

UKapteni Marius McCarthy ucela uluntu luze ngaphambili xa kukho umkhondo ongakholela ekunqakulweni komrhanelwa/abarhanelwa. Inombolo yamapolisa engahlawulelwayo ngu-08600 10111.

Umfanekiso: uthunyelwe