TINARHA- Kumbonzeleke izixholiphothi ezixhobileyo ezintandathu kwisikolo samabanga aphakamileyo iPhaphamani, Kwanobuhle eTinarha ngexesha isigqeba solawulo lesikolo(SGB) besichophele intlanganiso, abaqalintloko bayalele Inqununu ukuba ithumele isixa-semali esingadizwanga kwi akhawunti yebhanka yabo.
Umbutho wono-taxi wasekuhlaleni khange uphozise maseko, ungenelele ngokuthi uzokutyala amalungu ukuze agade kwizikolo ezikulendawo nanjengoko, amapolisa enqongophele.

Ilungu leSGB uLennox Ngwenya uyigxekile lenyewe esithi yenzeka ngexesha elibi abafundi beMatriki bebhala nanjengoko bekwalala esikolweni.
Ukongeza umbutho wono-taxi waseTinarha unqwalile ukuba esisehlo senzeke ngexesha befakana imilomo malunga nokhuseleko lasekuhlaleni kunye nabankwantsana.
Umbutho wono-taxi utyale amalungu ukuba athi bhazalala agade zonke izikolo zaKwanobuhle kude kugqitywe imviwo zokuphela konyaka.
Amapolisa akhangela nasezicithini ezizigila- mkhuba.
Umfanekiso: uthunyelwe
















