Advertisement

Libanjiwe ixhego elinamatyala ayi700 amanyundululu

GQEBERHA- Izimisele ukwenza umzekelo ophilayo iNkundla ePhakamileyo yaseGqeberha, oku kuza emveni kokuba lenkundla ifumanise indoda eneminyaka eyi58 ubudala, inamatyala ayi700 aquka ukudlwengula, ukubetha kunye nokuthengisa abantu.

Iingxelo zibhentsisa ngelithi lendoda nekudala ibiquqa ibuyela ezinkundleni zamatyala, ifunyaniswe inetyala kule veki, kule imiyo yilenkundla nanjengoko kudala yazigrumbela ingcwaba elinzulu ngezenzo zayo.

Ukongeza iingxelo zikwadandalazisa ngelithi lendoda yathatha iminyaka ikhwela izehlela kumntana wayo oyintombazana oselula, imdlwengula kwaye ithatha nemifanekiso kunye noshicilelo levidiyo ngelixa isenza lamanyala. Ukuthezela mgama lendoda yawandisa lomkhuba wayo nakwamanye amaxhoba, uquka ukufundisa nokuxhapaza abantwana abaselula ngezimanga.

Ukufunyanwa kwalendoda inetyala kwamkelwe ngezandla ezishushu yingqonyela yeGunya Bantu lezotshutshiso(NPA) uIndra Goberdan, “Siqhwabela izandla negalelo elenziwe ngabatshutshisi, ubungqina obuze ngaphambili buyancomeka kwaye sinethemba amaxhoba azokufumana ubulungisa.”

Isikhonkwane sokugqibela sibethelelwe bubungqina buka nyana walelendoda, nyana lowo osele wagwetya iminyaka eyi20 ethothoza kwezimnyama ngengxayi yokuvuma ubugwenxa kulamanyala owayeyenza noyise.

INkundla kulindeleke iwise isithonga sesigwebo kulendoda kungantsuku zatywala, kwaye igama layo alidizwanga ngenjongo zokukhusela amaxhoba.

Umfanekiso: uthunyelwe

Luxolo Buli

23 Tshazimpuzi 2025

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *