Advertisement

UMasipala uyazikhalimela izigrogriso ezijoliswe kwiGift of the Givers

MTHATHA- Oonqevu baseMthatha bathintele umbutho wesisa iGift of the Givers ekuncedeni amaxhoba wezikhukhula ekubanikeni amanzi, esi sehlo senzeke ngoMgqibelo umhla weshumi elinesine kweyeSilimela 2025, ngethuba abantu abangaziwayo begrogrisa amagosa weGift of the Givers.

Unobangela wabanqevu ukuba benze esisehlo usemfiliba.

Ngokwesibhilivana esityekezwe ngulomasipala, “Siyakhwankqiswa leli linge lokuxutha abo bancedisayo. Ukuphanga lulwaphulo-mthetho kunye nokungcatsha ngokuziphatha, ukuba lixhoba lentlekele akunanceba kwaye akusayi kunyanyemezelwa.”

Umasipala usimangalele esisehlo kwabo-nyanzelisomthetho kwaye uzokuxhasa abo bazokutshutshiswa.

Ukongeza i-Gift of the Givers isebenza kunye norhulumente ukuxhasa iintsapho ezingamaxhoba ezikhukula. Imigudu yabo ibonelela ngokutya, amanzi nesidima.

Lo masipala ubongoze uluntu ukuba luzixele izehlo zokuthutyeleziswa kwemali kwaye uncome iGift of the Givers ngeenzame zabo zokuzincama. Ityala liphantsi kophando.

Umfanekiso: uthunyelwe