GQEBERHA- Imbadla yokwamkela abafundi abatsha 2025(Fresher’s braai) kwiDyunivesithi yaseNelson Mandela(NMU) kwikhampasi yaseGqeberha iphele ngenyembezi, oku kuza emveni kokuba kusweleke umfundi(22) kwaze konzakala abafundi abangapha kweshumi nabatshayiswe yikhumbi(Toyota Quantum) nekukrokreleka ukuba ibiqhutywa ngumfundi onxilileyo.
Esisehlo senzeke ngentseni yangeCawe. LeDyunivesithi isingqinile esisehlo igxininisa ukuba ababafundi bebegoduka beyokukhwela kwikhumbi zabo. Iingxelo zidiza ukuba umqhubi ngokwenene ubatshayisile ababafundi, kwaye uzamile ukubaleka kodwa ngelishwa khange alenze ixesha.
Othethela iNkonzo yesiPolisa(SAPS) eGqeberha uAndre Beetge ungqinile ukuba ngokwenene umqhubi ubanjiwe.
Ukongeza lokaBeetge ugxininisile ukuba lekhubi ibihamba ngesatya esiphezulu, “Ndinganqwala ukuba ngokwenene umfundi omnye uwunabelele uqaqaqa kwaye abafundi abangapha kweshumi babalekiselwe esibhedlele.”
Indoda eneminyaka eyi-24 nebiqhuba lekhumbi ibanjiwe ukanti nekhumbi ithathwe ngabakwantsasana. Amatyala ohlukeneyo afana; netyala lokubulala ngokungenanjongo, ukuqhuba ngokungakhathali kunye nokuqhuba uzintyintye ngotywala avuliwe kwisikhululo samapolisa saseHumewood ukuze kuqhutywe nophando.
Umfanekiso: iDyunivesithi yaseNelson Mandela eGqeberha
Umfanekiso: uthunyelwe














Leave a Reply