GQEBERHA- Usinde ncebetshu uMfundisi uJosh Sullivan(34) obexhilwe kuleveki iphelileyo, eGqeberha. Izinto zijike zabubutyobo ngelixa kunetha imvula yeembubulu phakathi kwabarhanelwa namagosa omthetho KwaMagxaki, eGqeberha nalapho uSullivan ahlangulwe khona, ngomhla we15 kule imiyo.
Ngokwengxelo yesithethi sobutho loketshe(Hawks) Kuzwelonke uAvele Fumba udize ngelithi, “Siye salandela umkhondo sibambisene singamagosa omthetho, sithe xasifika kwindlu nebesiyikrokrela sagangwa zimbumbulu ebezivela kwisithuthi ebesinabantu ngaphandle, nalapho nathi siye savulela ngezethu.”
Ukongeza kobobutyobo bodubulwano umfundisi uSullivan ufumaneke kulomoto ephakathi kwabo baswelekileyo kodwa engenawo nomkrwelo.Ukuzothi ga ngoku imizimba yabarhanelwa ayaziwa kwaye uphando lusaqhuba.
Uluntu lubongozwa ukuba lunike lokaSullivan ithuba labucala nosapho lwakhe nanjengoko besaxilongwa lisebe lezeMpilo.
Luxolo Buli
18 Tshazimpuzi 2025
















Leave a Reply