MTHATHA- Bayanxakama kwaye bakhala esimantshiyane abo bebefudula befunda kwisikolo sokwenza iinwele, iinzipho kunye nezinye izinto. Isikolo esizinze phantsi kwedolophu yaseMthatha kwilali yaseQokolweni i-Emini Beauty Academy isekwe ekuqaleni kwalonyaka, isungulwa nguMhlekazi uViko Ntshana.
Abafundi bagxeka bekwagxiba kabukhali umseki weliziko ngelithi akananyani kwaye akaziselanga so izikhalazo zabo. Bathi ufota iindawo ezintle ngokungathi zezakhe xa befika bona babone mfanekiso wumbi.Eyona nto bakhala ngayo kukukhupha kwabo iimali zabo emveni koko balaliswa kwiholo engenazifestile, ukulamba nokufundiswa ngabantu abangazi kwanto ngeenwele neenzipho.
Baqhube bathi kwindawo abalaliswa kuyo kwakungekho nendlu encinci nto leyo ebibanyanzelisa ukuba bayozithuma ezichithini emveni koko bazindabe ngemipha, ingca kunye namatye. Ababafundi bakwatyhole uMhlekazi uNtshana ngokubanika izetifikethi somgunyathi(Fake Certificates).
Siye sancokola nomseki weliziko uMhlekazi uNtshana. Uzikhabe zonke izityholo atyatyekwa ngazo, uthethe wenjenje, “Bayagula abo, abazazi nokuba bafuna ntoni, kuyadika ukusebenza ngabantu abangamabhinqa uzuqonde ndirhalela nokusiyeka esisikolo kuba ndiyagezeleka.”
Lo kaNtshana uthi elinye iqela labantwana abafunde phaya khange libenangxaki kodwa eli ligqiba kuphuma limgezele kakuhle.
Uye wabathethelela abafundisi-ntsapho ngelithi zincutshe neengcaphephe zoompondo-zihlanjiwe abawuwuqonda kakuhle umsebenzi wabo.
Ukwathe yena akasebenzisi zetifikethi zomgunyathi, zonke izinto zakhe ziqondile kwaye neshishini lakhe libhaliswe ngokusemthethweni kwaCIPC.
Umfanekiso: uthunyelwe














Leave a Reply