EMONTI- Isilarha esaziwa ngokuba yiIdeal siyabuya kwakhona kwaye sisilarha esiyintandane yabantu, kulindeleke ukuba sivule kwakhona iingcango eMonti, eCambridge. Esisilarha sathengwa lusapho lakwaCrafford kwiminyaka emibini edlulileyo, kwaye ngoku bazimisele ukubuyisela nokuvuselela i-Ideal butchery kungekudala balenze bayenze indawo enomtsalane.
UCrafford ugxininisile ethetha nephephandaba iGo & Express esithi sifuna ukugcina imbali yesisilarha iphila. “Lendawo ndifuna ukuyigcinela wonke umntu waseMonti kuba nam ndingumntu onembali kulendawo,” utshilo.

UCrafford wongeze ngokuthi esisilarha sizakuba nombhazalala wekhitshi nalapho kuzobe kukho iintlobo ngeentlobo zeemveliso zenyama ezivuzisa izincwe, besebenzisa izithako ezivela kumafama asekuhlaleni.
“Nanjengoko sizakuvula esisilarha sizakuqasha kwaye sizakuqasha ekuhlaleni, sithengise inyama enencasa ngamaxabiso amahle afikelelekayo”, utshilo uCrafford ecacisa ukuba esi sisiqalo esitsha kubo.
Gcina iliso kwiphepha likaFacebook le-Ideal Butchery ngohlaziyo lokuvulwa kwakhona okukhulu!
Umfanekiso: uthunyelwe













