Advertisement

Ulwakhiwo lesikolo ligxothe ikati eziko

TLOKOENG– ISebe lezeMfundo eMpuma Koloni linikezele ngesikolo samabanga aphantsi salemihla, iMatshaneng kwilali eThabakhobelu, eTlokoeng. Iingcango zesisikolo zivulwe ngokusesikweni ngomhla we-31 kweyeDwarha 2025.

Obekhokhele itheko lokuvulwa kwesisikolo ibinguMphathiswa weSebe lezeMfundo eMpuma Koloni uFundile Gade ekhatshwa nguSodolophu womasipala wesithili saseJoe Gqabi uCeba uNomvuyo Mposelwa.

Esisikolo sonomgqushwana sityabule urhulumente isixa-semali esingange-R70 Million. Ngexesha kusakhiwa esisikolo iintsapho ezininzi zikwazile ukugxotha ikati eziko nanjengoko kudaleke amathuba emisebenzi kule ngingqi, esisikolo sakhiwe liphulo likarhulumemte elibizwa ngokuba yi’Accelerated Schools Infrastructure Delivery Initiative(ASIDI)’.

Esisikolo sizakuginya abantwana abayi-154 ukusuka kwibanga lokuqala ukuya kwelesixhenxe(Grade1-7).

Ukongeza ulwakhiwo lwesisikolo luqalwe kweyeSilimela 2020 lwaze lwaqukunjelwa kwinyanga yoMdumba 2025.

Ukanti inqununu yesikolo iMatshaneng uMaboka Ranthamane Ranamane wenze umbulelo omkhulu ongazenzisiyo kwisebe lezemfundo ebhekisa nakubafundi ukuba basiphathe kakuhle isikolo.

UCeba uMposelwa ucaphule naye egxininisa ukuba isikolo esiphuculweyo asipheleli nje kwisakhiwo kuphela, kukuzibophelela ekubuyiseleni isidima nokuguqula ikamva labafundi basemaphandleni. “Imfundo sesona sixhobo sinamandla sokuqhawula amatyathanga entlupheko, intswela-ngqesho nokungalingani”, ugxinininise watsho uMposelwa.

Ekuvulweni kwesikolo kuye kwakho nezipho ezincinci eziquka izihlangu zabafundi ezilishumi elinye nesihlanu kunye neengubo ezingamashumi amabini zabantu abadala.

UGade ethetha ngelixesha kunikezelwa esisikolo ukhuthaze abafundi egxininisa, “Ukubakho kwesikolo sitsha lonto iyokwenza ukuba abantwana bayeke ukuleqa izikolo ezisezidolophini ngenxa yezakhiwo ezibi ezilalini”.

Umfanekiso: EC DoE