MDANTSANE- ISebe lezemfundo eMpuma Koloni linqumamise abafundi abahlanu emveni kokuba kulempelaveki bekutshitshiliza ividiyo ebonisa umfundi wesikolo samabanga aphakamileyo iDavid Mama eMdantsane, exhatshazwa ngabanye abafundi.
Esisehlo siqale ukwenzeka kwibhasi ethutha abantwana besikolo, sandula ukuqhubeka nangexesha besehlika ababantwana. Ividiyo ishicilelwe ngomnye wabafundi ekuvakala entyontyela epavela lamakhwenkwe kulomkhwa.
Ukanti iSebe lezoThutho eMpuma Koloni khange liphozise maseko xalinika umqhubi webhasi ikhefu, emveni kokuba esilele ukungenelela kwesisehlo.
Ukongeza uMphathiswa weSebe lezeMfundo ephondweni uFundile Gade ngoMvulo waleveki utyelele esisikolo nalapho ebeyokushukuxa lenyewe.
Ukanti uGade ungqinile ukuba lentwazana ibihlukunyezwa, bengu rhulumente bazokwenza konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba bayayixhasa.
“Imbi kakhulu lento yenzeke kulomfundi kwaye silisebe sizakuqinisekisa ukuba lomfundi ufumana inkxaso ayidingayo, kwaye siyaqhuba nophando,” utshilo uGade.
Ukanti uGade ukwagxininisile ukuba bazakuqinisekisa ukuba ingalo-yomthetho idlala indima yayo.
Othethela iSebe lezeMfundo ephondweni uVuyiseka Mboxela unqwalile ukuba ngokwenene oluphando luzakuthatha iintsuku ezilishumi elinesine(14).
Umfanekiso: uthunyelwe















