Advertisement

Ngamatyendana amabini ekukrokrelwa ukuba ngamasela weegusha

MTHATHA- Ziigusha ezintandathu kunye namatakane wazo ekurhaneleka ukuba zibiwe kwilali yaseDosi, eMthatha ngoMgqibelo walempelaveki ezinzulwini zobusuku.

Kwiphulo eliqhutywa ngabakwantsasana elithi ‘Operation Shanela‘ likhokhelele ukuba amapolisa esithili saseOR Tambo anqakule amadoda amabini aphakathi kweminyaka engama27-28, nekukrokreleka ukuba ngabo aba babe ezigusha.

Iingxelo zibhentsisa ngelithi iimpukana eziluhlaza zihlebele abankwantsana ngesithuthi esiluhlobo lweNissan Hardbody nebesilayishe ezigusha, ezinzulwini zobusuku bangoMgqibelo.

Abankwantsana khange bathi kudala balandele umkhondo nalapho bafike bathi xhakamfu lamadoda mabini.

Othethela amapolisa kwisithili saseOR Tambo uKapteni Welile Matyolo,” Ndiyanqwala sibabambile abarhanelwa ababini kwaye bazokuvela enkundleni kaMantyi kungantsuku-zatywala.”

Umfanekiso: SAPS