MDANTSANE- Ivalelwe kwezimnyama izisele idyongwana(22) esaze ngobuso ezweni eyadlwengula intwazana eyayineminyaka elishumi elinanye(11) eMdantsane.
UAyabulela Daniel wayezitabhela kulomhlaba ungezantsi kwintwazana eyayineminyaka eyi-11, ngokungenalusini.
Iingxelo zibhentsisa ngelithi lona kaDaniel wayekhwela ezehlela kwelixhoba ukusukela ngomhla wesine kweyeThupha 2020.
Ngokwengxelo etyekezwe ngabakwantsasana kwisithili saseBuffalo City idandalizise ngelithi, “ Ixhoba lavuma ukuba esisidlwengu samhlukumeza, simdlakazelisa sinyanzelisa ukuzithathela kumhlaba ongezantsi simgrogrisa ngokumbulala.”
Ngomhla we-30 kweyeSilimela 2025 inkundla yengingqi yaseMdantsane igwebe esisidlwengu uDaniel udilikajele. Umphandi welityala uWarrant Mangesi umethulele umnqwazi uNjengelele Wright ekulahleni izitsixo ngapha kolwandle, ukuze uDaniel angaze aphinde alibone ilanga.
Othethela amapolisa kwisithili saseBuffalo City uKapteni Hazel Mqala unqwalile ukuba ngokwenene, “ Singamapolisa sizimisele ukuwusiphula nengcambu umkhwa wobundlobongela obusekelwe kwisini(GBV)kwaye siqinisekisa ukuba amaxhoba afumana ubulungisa.”
Umfanekiso : uthunyelwe
Siyolise Silayi
07 EyeKhala 2025
















