NXUBA- Nka! Iminyaka elishumi kwidlagusha elabulala isiqandamathe. Yenze umzekelo ophilayo INkundla kaMantyi yaseNxuba(Cradock) ngelixa igweba udilika jele uJohn Evan Williams(35) owabulela ngokungenalusini owayesisiqanda-mathe sakhe uPatricia Williams(29) kwisiganeko sango 2024 kwifama iLombard, eNxuba.
Iingxelo zityatyadula ngelithi esisbini sasihamba nentombi yaso eyayineminyaka esibhozo ubudala besuka uyokufumana utywala besintu(Umqomboti) nalapho uJohn wavele waqushumba ngumsindo waze wazi wazingombela kanobomu uPatricia osogqiba wamrhuqa nalapho wayomgqibezela endlini yabo.
Ukongeza kulengxelo umntwana wabo wakhala esomfazi ecenga uyise ukuba ayiyeke lento ayenzayo kunina kwaze kwangenelela isibini esasizama ukuqanda kodwa lokaJohn wazingomba isifuba ngelithi, “Ngumntu wam lona kwaye ndingenza nantoni na endiyithandayo ndiyekeni!”
Ngelixa kusehliwa kusenyukwa ezinkundleni zamatyala lokaJohn uzame ukuzimela ngetyholo ngelithi akanatyala yena, kodwa ezonzame zikhatywe zayowa ngumtshutshisi waleNkundla uMakabongwe Seyibokwe. “Ukusukela kwabaziboneleyo kunye neziphumo zokufa kucace gca okwe kati emhloph’ehlungwini ukuba uJohn ebelazi inyukunyezi ebelenza ngoba kaloku ngulona ebemkrwitsha, emkhaba, embetha ngamanqindi emrhuqha naphantsi” utshilo uSeyibokwe.
Isithethi seGunya bantu lezotshutshiso(NPA) eMpuma Koloni uLuxolo Tyali uphefumle wenjenje, “Siyi NPA siyasamkela isigwebo nanjengoko sizimisele ukududula umkhuba wobudlobongela obusekelwe kwisini(GBV), ingakumbi phambi kwabantwana.”
Umfanekiso: uthunyelwe
Luxolo Buli
04 EyeKhala 2025
















