Advertisement

Kudutyulwe amatyendyana amathathu ayikhaba ibhekile

MTHATHA- Iingxelo zibhentsisa ngelithi eMthatha Kudutyulwe amadoda amathathu ayikhaba ibhekile ngoko-na-ngoko kwindawo yaseSlovo park, eMthatha ngomhla wesibini kule imiyo.

Oludubulwana lwenzenke malunga ngentsimbi yesine ngenj’ixukuxa kwaye isizekabani sisemfiliba.

Ngokwengxelo etyekezwe yinkonzo yesipolisa yoMzantsi Afrika(SAPS) ingqinile ukuba ngokwenene senzekile esisehlo, “Abankwantsana bahletyelwe ngodubulwano olwenzekayo kwisitrato iGate, eSlovo park. Ngexesha amapolisa efika kwindawo yexhwayelo afike amadoda amathathu aqikelelwa kwiminyaka ephakathi ko 20 – 23 edunduluzile eyikhabile ibhekile.”

Amaxhoba amathathu aswelekileyo adutyulwe kwindawo ezahlukeneyo, amaxhoba amabini adutyulwe entloko, elesithathu lidutyulwe enqentsu imbumbulu yaphumela ebunzi.

Othethela abankwantsana ephondweni uBrigadiya Nobuntu Gantana ungqinile ukuba, “Omnye kwabo baswelekileyo uyaziwa ekuhlaleni kwaye unobangela woludubulwano awukabinamkhondo ubambekayo.”

Abankwantsana bakhangela naphantsi kwezicithi ezizigulamkhuba zenze lenyewe.

Umfanekiso: uthunyelwe