Advertisement

Kufikwe sikobude ubuthongo kwindawo yexhwayelo isidlwengu

LUSIKISIKI- Unkabi woyisiwe emveni kokwenza ukungcola okumasikizi nalapho kutyholwa ukuba wadlwengula inkondekazi eneminyaka eyi80 ubudala ngomhla we07 kule imiyo, eNgcoya, eLusikisiki. Iingxelo zidiza ngelithi indoda eneminyaka eyi28 ubudala imbonzoleke emzini walomakhulu nobelele nabazukulwana bakhe abaselula.

Ukongeza kulengxelo, lendoda iye yagrogrisa lomakhulu ngelithi angakulinge enze ingxolo okanye uyakumonzakalkisa kanobomu.

Emveni kokwenza elisikizi umrhanelwa uye wabiwa bubuthongo, nto leyo eye yakhokhela ekubeni abizelwe abamelwane.

Ingqonyela yamapolisa kwisithili saseOR Tambo uBrigadiya Vukile Ntuli uqhwabele izandla abahlali bakuNgcoya kunye nendlela abasombulule ngayo elityala.

Ukuzothi ga ngoku umrhanelwa kulindeleke ukuba aqabele emaplangeni kwinkundla yaseLusikisiki, uzokujamelana netyala lokudlwengula.

Umfanekiso: uthunyelwe

Luxolo Buli

09 EyeSlimela 2025