MDANTSANE – Oomeza bavuswe zizikhalo ezikrakrayo, bazamile ukunceda kodwa bohlulakala nanjengoko ityotyobe belivalwe ngentambo yombane, Kunzima ukuvula umnyango.
Umrhanelwa ebefuna ukuqiniseka ukuba bashiyeka belithuthu.
Zishiyeke zikrazukile iintliziyo zosapho lakwaMzendana, oku kuza emveni kokuba olusapho luthe laphulukana namalungu osapho ngokungenalusini.
UMama uNtombizanele(61), intombi uKholosa(34) kunye nomzukulwana uAkha(4) kwidangatya lomlilo ekutyholwa ukuba lintunyekwe yindoda kaKholosa nokwanguyise kaAkha ezinzulwini zobusuku zomhla we27 kule imiyo, kumatyotyombe aseNu1, eMdantsane, eMonti.
Iingxelo zibhentsisa ngelithi indoda nebincuma noKholosa, ibone umntu wayo enyumbazwa yindoda ethile, ngolusuku ngexa ilanga lihlabe-umhlaba beqhezu-qhezuka.
Ukunaba lendoda ngobobusuku yayokuntumeke ityotyobe lakuloKholeka iqinisekisa ukuba ibulala wonke umntu ukanti bobathathu batsha balithuthu.
Ukongeza lendoda iye yazinikezela kwabankwantsasana, ukanti namhlanje ibivele phambi kweNkundla kaMantyi eMdantsane.
Umfanekiso: uthunyelwe
Luxolo Buli29 Tshazimpuzi 2025
















Leave a Reply