CALA- Inene usathana wakhile kweli laseMpuma Koloni, oku kuza emveni kokuba kuthe kwehla isiganeko esibambisa ongezantsi kwiveki edlulileyo, kudlwengulwe intwazana eneminyaka esixhenxe(7)ubudala, kwalahleka umkhondo, kwilali yaseNdondo eCala.
Iingxelo zidiza ngelithi ezindaba zinganambethikiyo zivakale ngethuba usapho lale lentwanzana lifumanise ukuba intombazana yabo yonzakele kulomhlaba ungezantsi.
Kuthe kusajongwe leyo, lentwanzana akhange iphozise maseko nalapho iyeyatyhola ngelithi yinkwenkwana eneminyaka eyi13 ubudala emenze wanje.
Ukanti kusakhutshwe amehlo njalo yaze lentwazama yayijika ngelithi, “Eneneni nguTatomkhulu ondenze lento, waze wathi zendithi mandixoke ngalenkwenkwana.”
Ukuzokuthi ga ngoku abankwantsana basajikeleza ndaweninye kwelityala, nanjengoko usapho luthandazela ubulungisa.
Luxolo Buli
29 Tshazimpuzi 2025

















Leave a Reply