Advertisement

Uphantse wadityaniswa noyise-mkhulu uSekela Mongameli woMzantsi Afrika

MZANTSI AFRIKA- Ziwele phantsi iinzame zokugqithisa amafu usekela Mongameli weli loMzantsi Afrika uPaul Mashatile, ngelixa inqwelo mafutha ebehamba ngayo ivuthululwa ngemvula yembumbulu kweziveki zidlulileyo kule imiyo.

Iimpukane eziluhlaza zidiza ngelithi lokaMashatile ebesuka kwintlanganiso ebiquka isigqeba esikuqoqo eliphezulu seqela lombutho wezopolitiko iAfrican National Congress(ANC) eBoksburg, eRhawutini esingisele endlini yakhe ngelixa isithuthi ebehamba ngaso sidutyulwa endleleni.Ukuzothi ga ngoku amapolisa nesigqeba sokhuseleko loMongameli sithe bhazalala ukuqinisekisa ukuba bayafika kwincindi yelityala.

Ngokwemilebe yesithethi sikaMashatile uKeith Khoza uphefumle wenjenje ngale nyewe ,”Sisalinde ingxelo etyebileyo kwabasemagunyeni, ukanti uphando xalugqityiwe sizokwenza umzekelo ngezizixhiliphothi.”

Nanjengoko esinde ngenceba zikaMdali kuba ephume engenawo nomkrwelo lona kaMashatile uthethe wenjenje ngesisganeko, ” Abantu mabahlise amaphaphu kuba ndikhuseleke kakhulu. Sincede kuba isithuthi sethu sikwizinga eliphezulu lokhuseleko, kwaye uphando olunzulu luyaquba”.

Abenzi bobubi basagcwele amathafa kunangoku kwaye abankwantsana abalali buhlayo nanjengoko besezithendeni zabarhanelwa.

Luxolo Buli

21 Tshazimpuzi 2025