Advertisement

USathana akabhokanga unxibe isikatula

GQEBERHA- Liya lisibamfiliba ithemba lokukhuseleka kweli loMzantsi Afrika, oku kuza emveni kwesiganeko esothuse umzi sokuxhwilwa komfundisi esashumayela eqongeni ngomhla we10 kule imiyo, eMotherwell, Gqeberha.

Iingxelo zidandalazisa ngelithi kugaleleke amadoda axhobileyo kwenye yeCawa zaseMotherwell aze angqala kumfundisi uJosh Sullivan ongumi waseMelika.

Lamadoda axhobileyo khange athandabuze umothula esashumayela lokaSullivan, nalapho amthathe ayomgibisela kwisithuthi ebebehamba ngaso, lamadoda akwaxuthe isithuthi salomfundisi kunye nomnxeba-wakhe wasempokothweni.

Othethela ubutho loketshe(Hawks) kuzwelonke uAvele Fumba uthethe wenjenje, “Ukuzothi ga ngoku uphando olunzulu luyaqhuba ngale nyewe, sibongoza uluntu nosapho bangathethi nabanqevu kuba lonto ingaphazamisa uphando”.

Ngelixa kusenzeka esisiganeko akukhange konzakale namnye umntu, abarhanelwa basagcwele amathafa kwaye nabomthetho abahlelanga ndawen’inye.

Umfanekiso: uthunyelwe

Luxolo Buli

14 Tshazimpuzi 2025