GQEBERHA – Uzigrumbele ingcwaba elinzulu unina obetefisa unyana wakhe ngeziyobisi kwiziko lezoluleko iSt. Albans, eGqeberha.
Iingxelo zibhentsisa ngelithi lomama ubanjwe ngentsasa yangoMgqibelo, ngexesha bekuqhutywa ugqogqo ngabase magunyeni, kwabantu abazobona abavalelweyo.
Elinina lifunyenwe litefisa untondo walo ngokungekho-semthethweni, apho libhaqwe lithubelezisa intsango, i-‘earphones’, i-‘charger’ yomnxeba kunye namayeza angekho semthethweni.
Othethela iSebe leZobulungisa kuzwelonke uSingabakho Nxumalo utyatyadule wenjenje, “Ukuzothi ga ngoku sifumanise ukuba lomama ebesenza eliqhinga, kuba ebeyalelwe ngunyama wakhe odontsa iminyaka eyi-20”.
Elisebe ligqithise esisihelegu kwinkozo yesipolisa ukuze kuthathwe amanyathelo aqatha ngakwabo banesandla semfene kweliyelenqe.
Luxolo Buli
08 Tshazimpuzi 2025
















