CENTANE- UZama’Tornado‘ Ntenteni(38) wakuCentane wenza ezibukwayo kumculo woMaskandi kwaye uzama ngandlela zonke ukuba umculo wakhe waziwe ngabaninzi. Ukuthanda umculo kaMaskandi kusuka kwintsusa eseyityhagi ekhalisa isiginci ekhalisela amakhwenkwe aya kwaluka.
UTornado ukhule emamela amagqala omculo woMaskandi afana noBhekumuzi noPhuzekhemisi nto leyo eyamenza wawuthanda umaskandi kwaye wafuna ukuba ngumculi woMaskandi.
Oka Tornado ukhankanyile ukuba ngokwenene ikhona imiceli-mngeni athe wadibana nayo kuhambo lwakhe, “Owona mceli-mngeni endidibane nawo kukungabina mxhasi okanye inkxaso-mali ngoba zonke iindleko ezifana nokushicilela nokukhupha umculo ziphuma kum empokothweni,” utshilo uNtenteni.
Ekhuthazwa liqhawe loMaskandi elingasekhoyo uMayorgut, waye wafumana indlela yakhe eyahlukileyo yomaskandi nendlela yokucula. UNtenteni uthe, “Abantu abafuna ukuba ngabaculi boMaskandi ndingathi kubo mabafunde kuqala ukuze babenayo into abayiphetheyo esandleni, nanjengoko ukhuphumelela akuqinisekiswanga kwaye lomsebenzi unendleko ezininzi.”
Ukongeza uNtenteni unengoma ayenze noMr Vee Sholo enesihloko ‘Amazibazana’ ukanti izokuphuma kungekudala.
Fumana umculo omnandi kaTornado kuwo onke amakhasi onxibelelwano, ukanti ungamchwetheza kumamakhasi wezonxibelelwano nguTornado Bhada Elimaxhaga Ntenteni.
Emfanekisweni: Tornado Ntenteni kunye nesiginci sakhe
Umfanekiso: uthunyelwe
















