Advertisement

Bavumeleni abantwana beze kum

MTHATHA- Inzalelwane yaseMabehana eMqanduli, owayesakuba yiNqununu yasePutuma JSS eXhora, uBabalwa Mtumtum ucela bonke abantwana abanezidingo nabangenazidingo bazokonwaba kunye naye ngomhla we-17 kweyoMnga 2024. Wonke umntwana uvumelekile, akukho minyaka iqingqiweyo.

Abazali bayacelwa ukuba babanxibise kakuhle abantwana, okwesibini baphathe IiJEANS kunye neeT-SHIRTS ezimhlophe. Nokuba imeko yakho ayikho mbi uvumelekile ubekhona kwelitheko nanjengoko kuzakubakho imidlalo, umculo, iimfundiso ezahlukeneyo zolutsha.

UBabalwa Mtumtum ukwangumsunguli we‘Bright Future Educational Academy‘, apho ajongene nokuphuhlisa abantwana abanemingeni kwizifundo zezibalo(Mathematics), Isingesi(English FAL) kunye nolwimi lwenkobe(IsiXhosa HL).

Uvule neSebe lokufundisa abantwana(Extra Classes) ukusukela kwibanga lokuqala(Grade 01) ukuya kwibanga lesiXhenxe(Grade 09). Bangenela eNorwood Primary rhoqo ngemigqibelo.Unalo nelinye iSebe eliseQweqwe kwindawo yaseMaweleni kwaye wenza lo msebenzi sele siwukhankanye ngasentla. Ujongene ncakasana nabantwana abangathathi ntweni.

Kubazali abanabantwana abafunda kwezinye izikolo, bavumelekile beze ukuze bancediswe ngemisebenzi yasekhaya(Homeworks), baphinde bancediswe kwindlela yokufunda(Reading) bacetyiswe nangendlela yokuziphatha nokuphila. Kulo uzayo unyaka(2025) bazakuvula enye indawo eMaweleni Primary eQweqwe apho bazakuncedisana nabantwana abafuna ukuphinda babhale ibanga leshumi(Matric Rewrite). Wonke umntu ongaphumelelanga kakuhle ibanga leshumi uvumelekile.

Xa ufuna ukuya kulomnyhadala nalomxhamsholo ungomhla we-17 kweyoMnga 2024, nxibelelana naye uBabalwa Mtumtum kule nombolo: 081-725-6463.Lo mnyhadala uzahamba ngoluhlobo;

1. INDAWO: Mbana Bright Future Pre-Primary School(Mthatha)

2. IXESHA: 10H00 am

UMHLA: 17 kweyoMnga 2024.

Abantwana bazakufumana ezi zinto zilandelayo;

1. Izihlangu

2. Iziqoshelisi zomama(Sanitary Towels

3. Izinto zokudlala(Toys)

4. Kunye nezinto zokuthambisa/Ukuhlamba(Cosmetics) njalo-njalo.

Kucelwa ooSomashishini kunye naye nabani na ongancedisa ngezizinto zikhakanywe ngasentla afake isandla ukuze abantwana bonwabe nanjengoko ilixesha lokonwaba.

Umfanekiso: uthunyelwe

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *