CENTANE- Namhlanje sivuswe ziindaba ezimbi zokudlwengulwa komntwana oneminyaka elishumi eli-12 kuphela ezelwe. Ingxelo ibidiza ukuba le ntwazana idlwengulwe liqathalala leqaqatsholo lempungutye engenalusini kwilali yaseGqunqe ephantsi kwedolophu yakuCentane kuMasipala waseMnquma kwisithili saseAmathole.
Lomgqutsubana wesidlwengu kuvakala ukuba uye wabaleka emveni kwelinyala wayakuzimela kwilali yaseGcina kodwa lo lali khange ikwazi ukumgcina. Akadlwengula nje kuphela, kuba kuthe kusakhangelwa inqwelo-mafutha ezakuleqisa lo mntwana amdlwenguleyo yaphinde yabuya le nkunyevu. Ekubuyeni kwayo iye yatshisa umama wexhoba kunye nabazukulwana bakhe ababini(2) basweleka ngoko nangoko.
Akuphelanga neeyure ezingaphi, wazingelwa nanjengoko ubesaziwa, ekunqakulweni kwakhe uye wabethelwa oogqirha nezicaka. Kubenjalo ukuhamba kwalendedeba.
Emfanekisweni: ikhaya lamaxhoba
Umfanekiso: uthunyelwe
















