Advertisement

Usemanzini ashushu usodolophu ngenxa yobuqophololo

CALA- Amapolisa ephondo leMpuma Koloni aqhuba uphando ngezityholo zobuqophololo ngaku Sodolophu womasipala wasekuhlaleni iSakhisizwe uBoniswa Ponoshe kunye noSomlomo walo masipala uNomzamo Mkathi.

Lamagosa mabini abandakanyeka ekusebenziseni gwenxa ikhadi lamafutha lika rhulumente apho babequqa bebuyelela ukugalela amafutha kwizithuthi zabo zabucala, esisibini siwenze lomkhuba phakathi konyaka ka2022-2023.

Iingxelo zidandalazisa ngelithi emveni kophando elatyekezwa ngenyanga yeDwarha 2023 yikomiti ejongene nokusetyenziswa kwemali zika masipala (MPAC), yena yedwa loka Mkati wayalelwa ukuba ahlawule lemali ayisebenzisileyo.

USomaqhuzu wombutho iXhalanga Civic Platform, nejongene norhwaphilizo kumasipala wesithili saseChris Hani uBulelani Bunyonyo othe waphembelela ubulungisa.

“Sizinkokheli zokuhlala sizokulwela okwethu ininzi into engahambi kakuhle kulo masipala, akhonto ihambela ntweni. USodolophu kunye nosomlomo ayingabo bodwa abadyarhaza imali, kwaye aliqela amatyala azakuvulwa,” utshilo uBunyonyo.

Umthetho uzimisele uthata indawo yawo nanjengokuba incwadi zelityala zigqithiselwe ebachupini kwisikhululo samapolisa sase EmaXesibeni.

Luxolo Buli

20 EyeNkanga 2024