Advertisement

Lixakile eliphondo, kuxhonyiswa neenqwelo zezigulane

QUMBU- Azigezi ziyapetsula impungutye zemigqutsubana yamakhwenkwe ezixhomise inqwelo-mafutha yeSebe lezeMpilo kwiphondo leMpuma Koloni. Lemikhuthuka nemikhuthukana yamaphara namaphanana wezixhiliphothi axhomise inqwelo-mafutha yezigulane kwindawo yakuQumbu.

Le nqwelo ibisuka kwisibhedlele sengingqi i-Adelaide Tambo kwaye ibisingise kwisibhedlele saseNelson Mandela eMthatha. Ngelixesha ixhonyiswa ibikhwelise isigulane esineminyaka esibhozo(8) kuphela sizelwe.

Ezinkunyevu zenkuntsela ziqweqwedise iinqwelo-mafutha ezimbini ezithutha izigulane. Ziye zakhupha imikhono yeKati zanyanzelisa abaqhubi ukuba baphume. Esi siganeko senzeke kubusuku bayizolo umhla wama-18 kweyeNkanga 2024, kwaye siwashiye amaxhoba ephazamisekile ngokwasengqondweni kodwa azakunikezwa inkonzo yentuthuzelo kuquka nesigulane eso.

Akukho mntu wonzakeleyo kwelishwangushwa lelishwa, amapolisa ayaphanda.

UMphathiswa weSebe lezeMpilo kwiphondo leMpuma Koloni uNtandokazi Capa usigxeke kabukhali esi senzo, uthethe wenjenje, “Ukuxhonyiswa kwezinqwelo kuzakukhokelela ekubeni kukhutshwe inqwelo ibenye ezakujongana nesithili sonke saseAlfred Nzo,” Utshilo.

Ukwabongoze amapolisa ukuba aphande angashiyi nentwana kuphando lwawo ukuze kubanjwe abaxumbukhwekhwe bamaxelegu, lamaxolo wamaxaxavithi wezikhwenene ezingenalusini.

Uqhube wathi, “ithande ukuxhaphaka into yokuxhonyiswa kwezinqwelo kuba nakwezinye izithili ithe gqolo ukwenzeka.”

Azakubaphica nasezicithini amapolisa abanqalintloko kwaye bazakuyibeleka ikrwempa.

umfanekiso: Daily Dispatch