Advertisement

Babanjiwe abemi bangaphandle abebethengisa ngokungekho mthethweni

MONTI- USodolophu womasipala ombaxa iBuffalo City uCeba Princess Faku esebenzisena namapolisa onyanzeliso mthetho omasipala ombaxa, i-arhente yerhafu uSARS, isebe lezemicimbi yezekhaya kwicandelo leenkonzo zokufudukela kwelinye ilizwe, ukwenza ugqogqo lokuvala iivenkile zabemi bangaphandle ekuthyolwa ukuba azikho mthethweni.

Olu gqogqo luza emveni kokuba kubekho iingxelo ezidiza ukuba abantwana abathenga amashwa-mshwam kwezi venkile zabemi bangaphandle bayagula abanye bayasweleka, kwaye beliqhutywa ngomhla we-13 kule imiyo eMonti.

UFaku esebenzisana nenkonzo yesipolisa yaseMzantsi Afrika(SAPS) kwiphondo leMpuma Koloni, olu gqogqo luqalwe kumzi mveliso oseWoodbrook eWest Bank apho kubanjwe umfo oliChina ekusolwa ngokuba ebethengisa engenamaphepha.

Ukongeza umasipala uye wenza umngcelele ukuya kwilokishi yaseCambridge ehamba namapolisa bafika bazivala mba iivenkile ezine kwaye kwabanjwa nabemi bangaphandle abane ekusolwa ngokuba abanamaphepha wokuthengisa.

UFaku ubongoza bonke abemi bangaphandle ukuba bazivale izipaza zabo bengekafiki kuba bazofika bazivale.“Abanye bathi amaphepha wabo aseRhawutini kunjalo nje sifuna ukufaka isebe lezemicimbi yezekhaya ukuba likhe lizijongisise ezingxaki sinazo kwaye siyabulela kubantu base Buffalo City ngokusincedisa kweli nyathelo silithathileyo,” wongeze watsho uFaku.

Eli nyathelo liyasibonisa ukuba umasipala iBuffalo City uzimisele ukulwela ubulungisa nokwenza isiqinisekiso sokuba akho mmi wangaphandle othengisela abantu engenamaphepha asemthethweni.

Umfanekiso: BCMM

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *