KOMANI- Oonqevu baphinde bazama ukuqweqwedisa isigadla sokusebenza seseburhulumenteni, abasebenzi beSebe lezoThutho ephondweni badibene nezulu lezandla ngexesha bebesuka kulungisa indlela kuR408 phakathi kweEngcobo neDutywa.
Kuqhume irhuluwa kwisigadla ebebesiqhuba ngexesha bebesingise eKomani, ababasebenzi kunyanzeleke ukuba bacele kwabanentsente ukusindisa imiphefumlo yabo.
Iingxelo zidandalazisa ukuba abasebenzi babalekele kwilali ekufutshane.
Othethela iSebe lezoThutho ephondweni u-Unathi Binqose unqwalile ukuba ngokwenene abasebenzi basindile kwaye babalekele kwilali ekufitshane nalapho bakwazileyo ukutsalela umnxeba abankwantsana. “Ngexesha abankwantsana begaleleka bafumanise ukuba i-enjini yesigadla idlakazwe yimbumbulu, kwaye isigadla siye sarhuqwa sasiwa kwisikhululo samapolisa eCofimvaba,” utshilo uBinqose.
Eli lityeli lesithathu kuqweqwediswa izigadla zeSebe zokwenza indlela, eCala kwakhutshwa amaviri amahlanu kwesinye isigadla ekwarini, kutshanje eXhorha bekubiwe ilori kodwa yafumaneka.
UMphathiswa weSebe lezoThutho ephondweni uXolile Nqatha uthe,” Ukudelela kubonisa ukuba ukhona umkhambathi oqhubekayo kwaye uzakuphela nya lomkhuba.”
Oka Nqatha wongenze ngelithi kubonakala ukuba abanqevu abafuni urhulumente abenezakhe izixhobo zokusebenza.
Kwesisihelegu akukhomntu wonzakeleyo.
Umfanekiso: EC DoT
Zimbini Njece
18 EyeKhala 2025
















