XHORHA- Oonqevu, oonqalintloko baseXhorha baphange isigadla seSebe lezoThutho ngobusuku bangoMvulo kuleveki, baze batyhuthula i ‘tracker‘ yesisigadla ukuze balahle umkhondo. Oku kuza emveni kokuba ezizigila-mkhuba zigaxeleke kwi ofisi zomasipala waseXhorha zalalisa oomatyingilane ngesisu phantsi, kuba befuna bakhuphe isintsixo seloli okanye bazakuba bonisa ootatomkhulu babo.
Othethela iSebe lezoThutho ephondweni u-Unathi Binqose unqwalile ukuba ngokwenene ngomhla we-19 kweyeSilimela besikhe senzeka isehlo esikumila kanje, “Siyangqina ukuba sisigadla sesibini esi ukubiwa ukanti ngomhla we-19 kweyeSilimela sasibelwe isigadla eCala satyhuthulwa naso.”
Ukongeza uMphathiswa weSebe lezoThutho ephondweni uXolile Nqatha usikhalimele esisihelegu senziwe ngabanqevu, kuba beliSebe bazama ngako konke okusemandleni ukugqithisa iinkonzo eluntwini.
“Ndiyamlwa lomkhuba wenziwa ngabanqevu ndijongile nje bafuna ukuphazamisa ingqubo karhulumente yokusebenza,” utshilo okaNqatha.
Umfanekiso: EC DOT
Zimbini Njece
16 EyeKhala 2025














