GATYANA- Ngomhla we-28 kweyeSilimela 2024 kwakusegchibhala kwilali yaseNgadla kuGatyane nanjengoko ibhekile yayihamba ixhego, utata, umfana, umama, njalo-njalo.
Kwathi ibhekile isahamba njalo omnye wabafana uAviwe Dambile(29) wakhaba ibhekile yamaxhego ekhalalaza ngelithi, “Kutheni sinikwa isichenene nje kodwa ibhekile yamaxhego iyaphuphumala,” Dambile.
Elityendana laye laboniswa isango ngamaxhego, ukanti lokaDambile kukho xhego limbi awaye walifungela esithi uzakulibulala ngezi zakhe izandla.

Ngokwengxelo etyekezwe ligunya bantu lezotshutshiso eMpuma Koloni(NPA),”Nanjengoko uDambile wayelifungele elixhego waye wabuya kwiveki ezimbini wadibana nalo liqhuba amatakane nalapho wathi hlasi ibhozo walihlaba amanxeba ayi21.”
Ngosuku olulandelayo abakwantsasana balance balandela umkhondo, kwaye wayimpumelo lonqevu wabanjwa ngosuku olulandelayo.
Igunya-Bantu lezoTshutshiso ephondweni, lisamkele ngezendla ezishushu isigwebo sikaDambile ukuba anikwe udilika-jele nanjengoko isigwebo sakhe siwiswe inkundla kaMantyi yakuGatyane.
Umfanekiso: uthunyelwe
















