GATYANA- UMasipala wesithili saseAmathole(ADM) ebesingathe intetho engobume bomasipala ngomhla wesithandathu kweyeThupha 2025 kuGatyana, lentetho ibibonisa iinzame ezinokuncedisa ekukhuliseni uphuhliso ekuhlaleni kunye nokuqweba amaqhinga.
Lentetho nebiwiswa nguSodolophu walomasipala uCeba uAnele Ntsangani, lentetho igxininisile ukuba umasipala uzibekele bucala izinto ezingundoqo azakujamelana nazo, ezifana nokuphucula amanzi kunye nogutyulo, iziseko, ukuxhasa uqoqosho lasekuhlaleni kunye nokuqinisekisa urhulumente osebenzayo kulomasipala.

Ukanti lomasipala ukwaqweba amaqhinga okusebenzisana noomasipala basekuhlaleni ukuze kwakhiwe iziseko ezingundoqo kuquka nokulungisa igcwaba likaMaqoma, elika King Hintsa kunye negadi yesikhumbuzo kaRaymond Mhlaba.
USodolophu wongeze wenjenje, “Singumasipala sibeke bucala isixa-semali esizokwakha iifosi zalomasipala nezizakufudukela eQumrha kulindeleke ukuba leprojekthi siyigqibe ingaphelanga iminyaka emithathu.”
Ukongeza uSodolophu womasipala wasekuhlaleni waseNgqushwa uCeba uSanga Maneli umqhwabele izandla uCeba uNtsangani ngokuxhasa kunye nokuhlonipha imbali kunye namasiko koomasipala basekuhlaleni. “Lonto ibonisa ukuba uSodolophu uyinkokheli yamanyani siyambona ukuba uyawaxhasa amasiko kunye nembali yethu,” Maneli.

Ukanti uSodolophu womasipala wasekuhlaleni waseMbhashe nalapho lentetho ibisingathelwe khona uCeba uSamkelo Janda uyamnkele intetho kaSodolophu egxininisa, “Ndivuyela into yokuba uCeba uNtsangani uthe iidolophu zethu zizokutsho zicoceke ukuze abatyali zimali bazokukhulisa uqoqosho apha kwiidolophu zethu.”
UJanda ukwagxininisile ukuba umasipala waseMbhashe sele uqalile ukukhangela iindawo zamashishini, “Ndiyagqina ushishino luyabonakala eDutywa.”
Ukongeza uSihlalo wombutho wamashishini iNAFCOC kwingingqi yaseAmathole uZukile Ndelani, uthi nangona beyiva kakuhle intetho kaSodolophu kodwa ixhala analo lelokuba kukhona ukurhuqa konyawo, kwaye umnqweno wakhe kungokunje ngowokuba, abaphathi basebenzisane, iinkonzo ziye eluntwini.
“Eyonanto siyilangazelelayo nekudala siyiguqela, kukucela ukusebenzisana nomasipala kwinto yohlahlo lwabiwo-mali, kushishino ingakumbi kwinkqubo yeIDP kwakheke uhlumo loqoqosho lotyalo-mali, “Ndelani.
UNtsangani wongeze ngelithi, “Sizama ngako konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba uphuhliso lubheka phambili, kwaye siqinisa ubambiswano kunye nophicotho zincwadi olusungekileyo. Enye into esifuna ukugxininisa kakhulu kuyo kukukhulisa uqoqosho kunye nokuqinisa isandla ngakumbi kwiziseko ezingundoqo.”
USodolophu uCeba uNtsangani, ufuna uluntu lalomasipala luve izingqi zomasipala kubo ubuqu.
Imifanekiso: Klaas Media














