Advertisement

Oonogada basetyhini baxhwilwe, badlwengulwa, baze badutyulwa eBityi

BITYI- Oonogada ababini ababhinqileyo abasebenza kwikliniki yaseXhwili kwilali yaseBityi kudekufuphi naseMthatha baxhwilwe bazebadlwengulwa emveni koko badutyulwa, omnye wabo uswelekele kwindawo yexhwayelo ukanti ugxa wakhe ulwela ubomi bakhe esibhedlele.

Iingxelo zithi esisehlo senzeke ezinzulwini zobusuku kulempela veki sisuka kuyo apho onogada basetyhini ababini babanjwe baze babotshelelwa, emvakwekliniki kulena bagada kuyo badlwengulwa.

Amapolisa afumene umzimba womnye wonogada oneminyaka eyi-28 ubudala unamanxeba wembhumbhulu entloko, ngelixa omnye unogada ekuqikelelwa ukuba uneminyaka eyi-48 esaphila waze wabalekiselwa esibhedlele.

Kukho umbuzo malunga nendima yomnye unogada oyindoda owayekhona ngexesha kwakusenzeka esisehlo ukuba kutheni engazange achaze ingxaki abajongene nayo kwange xesha, nanjengoko esisehlo wasichaza ekuseni kubaphathi bekliniki nakwinkampani yokhuseleko.

Isithethi samapolisa ukapteni Welile Matyolo uthethe wenjenje, “Singamapolisa waseBityi silivulile ityala lokubulala, lokuzama ukubulala kunye nelodlwengula okwangoku akukabikho mrhanelwa obanjiweyo.”

Ukuzothi ga ngoku ikliniki yaseXhwili isavaliwe okwethutyana akukho msebenzi uqhubayo emveni kwesisehlo. Unogada oyindoda owayekhona ngexesha lalenyewe usamisiwe emsebenzini okwangoku nanjengoko kuphandwa.

Esi sehlo sibonisa ukuba abantu basetyhini abangonogada abakhuselekanga emisebenzini kwaye izinga lokudlwengulwa kwabantu basetyhini eMpuma Koloni liphezulu.

Amapolisa acela uncedo kurhulumente nendlela abanokuzisebenzisa ekulweni ukudlwengulwa kwabantu basetyhini.

Sandiswa Mgobo & Mfundo Nkasela