Advertisement

Inqununu iphume kwesinye isikolo ngezityholo zodlwengula, yayokudlwengula kwesinye

COFIMVABA- Nanjengoko lowo wayenqununu yesikolo samabanga aphakamileyo iNyanga eNgcobo watyabekwa amatyala wokudlengula wandula ukubeka phantsi iintambo eNyanga, wajongisa indlela kwisikolo samabanga aphakamileyo iCofimvaba kutsha nje ukwatyabekwa amatyala okudlwengula abafundi kwesisikolo.

ISebe lezeMfundo eMpuma Koloni lirhoxise lowo ebeyinqununu kwisikolo samabanga aphakamileyo iCofimvaba uKhulile Qamata, ngezityholo zokudlwengula abafundi kunye nokwehlisa imali yesikolo ngomlenze.

Iingxelo zidiza ukuba lona kaQamata uqale ukudlwengula abafundi ngonyaka ka2022 kwisikolo samabanga aphakamileyo iNyanga. Nanjengoko kukho ezozityholo waye wakwazi ukufumana isikhundla sokubayiqununu kwakhona kwisikolo samabanga aphakamileyo iCofimvaba.

Abahlali bavutha bayimililo ebovu kodwa iSebe lezeMfundo ephondweni zange liyilandelele ncakasana lonyewe.

Othethela iSebe lezeMfundo ephondweni uMali Mtima wale kwaphela ekuphefumleni ukuba uqashwe njani uQamata kodwa unamatyala.

Ukongeza uSihlalo wesigqeba solawulo(SGB) kwisikolo iCofimvaba uVuyisile Bovu unqwalile ukuba ngokwenene uQamata urhoxisiwe esikhundleni sakhe kwaye khange afune ukuphefumla kwakhona.

Abahlali kunye nabazali bafuna iimpendulo apha!

Emfanekisweni: Khulile Qamata

Betyhola iSebe lezeMfundo ukuba liyasilela ekukhuseleni abafundi. Esisikolo, nesisikolo sika rhulumente sizingca ngokupaselwa ngomyinge ka94% kulonyaka uphelileyo.

Imifanekiso: ithunyelwe