LUSIKISIKI- Kuqhume izulu lezandla ngentseni yangoLwesibini kwilali yaseNgobozana, eLusikisiki apho indoda(42) kurhanelwa ukuba igqithise amafu umfazi wayo(49) kunye nalowo wayencuma naye(22) amafu bayikhaba ngoko-nangoko ibhekile.
Iingxelo zibhentsisa ngelithi ukuba lomrhanelwa uqale wayokuzingela lowo wayesisiqanda-mathe sakhe kwindawo yentselo eChwithayo kulapho alishiye liqubha egazini, yandula ukusungisa ekhayeni layo eUnity park nalapho ifike kwakhona yavulela izulu lezandla yadubula umfazi wayo ngexesha aleleyo.
Othethela abakwantsasana ephondweni uBrigadiya Nobuntu Gantana ungqinile ukuba ngokwenene ezizehlo zenzekile kwaye umrhanelwa ugcwele amathafa.
“Ukuzothi ga ngoku, unobangela woludubulwano awukabinamkhondo kodwa sikhangela naphantsi kwamatye lendoda,” Gantana.
Indawo yaseNgobozana kulapho kwadutyulwa khona abantu abalishumi elinesibhozo(18) kulonyaka uphelileyo.
Umfanekiso: uthunyelwe
















