Advertisement

Umfundisi-ntsapho udibene nezulu lezandla phambi komfundi

MQANDULI- Kudutyulwe umfundisi-ntsapho wayikhaba ibhekile wesikolo samabanga aphakamileyi iGengqe eMqanduli ngexesha ebesiya emsebenzini, ngomhla we-28 kule imiyo.

Iingxelo zidiza ukuba ngexesha kusenzeka esisithwakumbe lomfundisi-ntsapho ebehamba nomfundi webanga leshumi kunye lomfundisi-ntsapho osaqeqeshwayo wesikolo iDalibaso.

Unobangela wesisehlo usemfiliba.

UMphathiswa weSebe lezeMfundo eMpuma Koloni uFundile Gade ufungile ukuba senzekile esisithwakumbe, “ Sinxunguphele kakhulu sesisehlo siliSebe sibi kangaka kwaye siyiqwalasele ukuba lomkhuba uya ubasisiqhelo kodwa sizakuwujonga ngeliso lokhozi lomba.”

Ukuzokuthi ga ngoku abakwantsasana abalali buhlayo bakhangela naphantsi kwezicithi ezizigulamkhuba.

Umfanekiso: uthunyelwe

Zimbini Njece

30 EyeKhala 2025