EMONTI- Limiselwe umhla we29 kweyoMsintsi 2025 ityala leNkokheli yombutho ophikisayo wezopolitiko iEconomic Freedom Fighters (EFF) uJulius Malema, esisigqibo sithathwe yinkundla kamantyi eMonti ngomhla we-21 kule imiyo ngexesha okaMalema ebeqabele eqongeni.
Ubungqina obuthiwe thaca kulenkundla buveze gca ukuba lokaMalema wawukhupha umbhazabhaza wompu wadubula esidlangalaleni, kumbhiyozo walombutho owawubanjelwe kwibala lezemidlalo eSisa Dukashe eMdantsane ngomhla we 28 kweyeKhala 2018.

Ngexesha uMalema ethetha nonondaba ugxininisile ukuba,” Ndinethemba lokuba ndizokufunyaniswa ndingena tyala, libohlule eli tyala maliyekwe kwenzeka izinto ezikumila kunje xa abantu bengakuthandi kwezopolitiko”.
Ukanti iingxelo zibhentsisa ngelithi lombhazabhaza wompu owayephethwe nguMalema ubhaliswe phantsi kwe nkampani yezokhuseleko eyayikhokelwa nguSynman Adriaan, okwaphinde abengumantshingilane kaMalema.
Ukongeza uMalema kunye noSynman bazokubuyela enkundleni kamantyi eMonti, ngeyoMsintsi kulapho kuzokucaca ukuba ingaba bayagoduka okanye bazoyokuqamela ngenqindi.
Imifanekiso: EFF
Emihle Dokolwana
22 EyeKhala 2025














