MTHATHA- Ulele ebhaliwe wavuka echetyiwe uSiphendule Buku Cothela(29), emveni kokuba iNkundla kaMantyi yaseMthatha imgwebe ubomi ethothoza kwezimnyama izisele ngokudlwengula nokuzama ukubulala inina elalineminyaka eyi-21 ubudala kwisiganeko sango 2023, kwilali yaseCentuli eMthatha.
Iingxelo zityatyadula ngelithi lokaCothela wafika endaweni yolonwabo eCentuli wabiza unina womntana wabo, esenza ingathi uxhalabe ngempilo yomntana xa unina ehamba indawo zentselo.
UCothela wathembisa ngokugodusa lowo wayesisiqanda-mathe sakhe sanqwala, kanti unkabi ulele phez’ kweqhinga lokukohlakala nalapho elixhoba walirhuqela emzini ongenabantu wafika walidlwengula, elixhela ngesikere, elibophelela, walishiya apho kulondlu ingenabantu lingakwazi ukuthetha kunye nokuhamba.
Ngokwenceba zikaMdali elinina labaqhwa ngumnini womzi emveni kwentsuku ezintlanu likulo meko ingaginyisi-mathe kodwa lisaphefumla, waze walibalekisa esibedlele ngoko nangoko nalapho lahlaliswa kwisitulo sokuhamba(Wheelchair).
Izinto zijike zalukhuni ngakuCothela xa ebanjwa ngamapolisa ekuqaleni konyaka ka2024 kwaye inzame zakhe zokuphika akwenzileyo zibethiwe bubungqina benkundla.
Igqwetha lenkundla uLuvuyo Komanisi uphembelele ngelithi, “Izenzo zikaCothela bezicace gca ukuba zizimisele ukubulala nokonzakalisa.”
Ukanti iNkundla ilibhalile igama lalenkuntsela kwiincwadi zoluhlu lwabadlwenguli eMzantsi Afrika.
Ukongeza esisigwebo samkelwe ngezandla ezifudumeleyo liGunya-Bantu lezoTshutshiso(NPA) ephondweni nanjengoko bezimisele ukuphelisa nya ngezaphuli mthetho ezixhaphaza amanina.
Umfanekiso: uthunyelwe
Luxolo Buli
18 EyeKhala 2025
















