GQEBERHA- Unqevu wangapha kwecingo kwelase Zimbabwe noxhwarhe kweli uThabiso Mafempi(35) uqamele ngolwimi emveni kokuba wathyuthula intambo yakwaTelkom, lonqevu wayithyula lentambo ngomhla wesibini kweyeSilimela 2024.
Isigwebo sikaMafempi siwiswe yinkundla yengingqi yaseGqeberha ngomhla we-15 kule imiyo, emveni kokuba lenkundla ifumanisile ukuba uMafempi nguye owatyhuthula lentambo nengumthamo ongange 7kg nexabisa isixa-semali esingange R520.
Ngokwemilebe yesithethi seGunya-Bantu lezoTshutshiso(NPA) eMpuma Koloni uLuxolo Tyali ungqinile ukuba lendoda yabanjwa yinkampani yabucala yonogada iTACNET, emveni koko bayigqithisela kwabakwantsasana.“Lomrhanelwa waqala ukuvela enkundleni ngomhla wesihlanu kweye silimela 2024,” utshilo okaTyali.
Ukongeza obechophele elityala kulenkundla uMtshutshisi uBabalwa Mabulu, lendoda uyithe nka! Ngeminyaka emithathu ithothoza kwezimnyama izisele iqamele ngenqindi eyityityimbisela umnwe egxininisa ukuba umoshe kakhulu lomfo .
Umlawuli wabatshutshisi ephondweni uBarry Madolo ubaqhwabele izandla bonke abo bebeqinisekisa ukuba lendoda iyabanjwa, “Ndibulela inkampani yonogada iTACNET, inkonzo yesipolisa yaseMzantsiAfrika(SAPS) kunye nomtshutshisi obechophele elityala ekunqakuleni lonqevu. Asizuhleka nabhokhwe noonqevu abamosha iziseko,”Madolo.
IGunya-Bantu lezoTshutshiso lingqinile ukuba akukho nammye umntu ongapha kwengalo yomthetho.
Umfanekiso: uthunyelwe
Bubele Mtselu
16 EyeKhala 2025
















