EMAXESIBENI- UMasipala wasekuhlaleni waseUmzimvubu kunyaka-mali ka2024/25 wabe isixa-semali esingange R1 Million sokufaka izibane zasendleleni(street lights) eziyi-30 kwidolophu yaseEmaXesibeni.
Ngexesha uSodolophu walomasipala uCeba Zukiswa Ndevu ewisa intetho yobume bomasipala 2025, ungqinile ukuba bengumasipala bazokufakela ezizibane kwa wadi 28. “Ukuzothi ga ngoku, izibane eziyi-22 sizifakile kwaye ziyaqhakaza ngalomzuzu,” utshilo uSodolophu.

Ukongeza uCeba uNdevu ugxininisile ukuba ezizibane zizokunceda izithuthi kunye nabahambi ngenyawo bakwazi ukubona ebusuku, “Ndithetha nje ezizibane zizokunceda nasekulweni umkhuba wolwaphulo-mthetho,” utshilo.
Kusenjalo imizi eyi-288 izokuxhamla umbane, iilali ekulindeleke ukuba zifumane umbane kuseSikhemane, eMhluzuni, eSaphukanduku, eLuxwesa kunye naseDutyini.
Ukongeza uMasipala ubeke bucala isixa-semali esingange R12 Million nekuzokubhatalwa ngayo ikhontraka ezokufakela umbane kulemizi iyi-288.
Lomasipala uyazingca ngokutyekezela wonke umhlali walapha ‘Uphuhliso Kumntu Wonke’.
Umfanekiso: UMLMS
iyolise Matala
13 EyeKhala 2025














