Ikomishoni yabathengi kuzwelonke(NCC) igqithisa umpoposho wokuba zibuyiswe izithuthi zakwaVolkswagen, Toyota kunye nezakwa Volvo. Oku kuza emveni kokuba kukho ukuxhalabisa bokhuseleko kwezizithuthi.
Zizithuthi eziyi-159 zakwaVolkswagen ezichaphazelekayo ebezithengiswe phakathi komhla we-16 kuTshazimpuzi 2025 ukuya kumhla we-30 kweyeSilimela 2025, iGolf 8 R2.0 TSI kunye neGolf GTI ezizithuthi zinengxaki nebhati lokhuseleko kwicala lomkhweli ohlela ngaphambili. Kwabhidana iikomityi ngexesha lalithungwa elibhanti kwaye ukuba ezizithuthi zingagaxeleka engozini lomkhweli angonzakala kakhulu okanye ayikhabe ibhekile.

Ukanti inkampani yakwaVolvo icela kubuyiswe izithuthi iXC90 eziyi-26 imodeli ka2025/26, kwabhidane iikomityi ngexesha kwakufakwa iziqhoboshi(Brake pedal), lonto ingabangela ukuba izithuthi zintlithane okw’kunzi zegusha ezindleleni.
Ukongeza nayo inkampani yakwaToyota ibhalise izithuthi eziyi-6,662 eziluhlobo leHino 500 SKD, lenkampani idiza ngokuba kukho isikhonkwane esingafakekanga kakuhle okanye ingenzeka khange sifakwe kwa ukufakwa.

Ibambela lomkomishinala eNCC uHardin Ratshisusu uthethe wenjenje,”Ukuba isithuthi sakho sikwezi zichaphazelekayo nceda uthathe isithuthi sakho usibuyisele apho ubusithenge khona siyokujongwa kwaye awuzukuhlawula nepeni emdaka.”
Lekomishoni ibikhe yamkhupha umpoposho okumila kunje kwiinyanga ezintathu ezidlulileyo, lonto ibonisa ukubaluleka ukuqaphela ukuba ingaba izithuthi zikhuseleke kangakanani na, kwaye abathengi baxelelwe.
Imfanekiso: ithunyelwe












