KARIEGA- Linxeba elinzulu apho kutshiswe abafundi ababini abangamantombazana aluthuthu eKariega(Tinara) imizimba yezintwazana ifunyenwe ngomhla we-18 kule imiyo idunduluzile. Ngokwengxelo etyekezwe ngabahlali igxininisa ukuba ezintwazana ibingabafundi kwisikolo samabanga ephakamileyo iNkululeko, Kwanobuhle.
Kwaye kukholeleka ukuba bebeye kumbhiyozo wosuku lwabantu abatsha,” Bagqityelwe ukubonwa kulombhiyozo kwaye ababantwana ngabahlobo.”
INkonzo yesiPolisa eMzantsi Afrika(SAPS) kwiphondo leMpuma Koloni ingqinile ukuba ngokwenene ikhuphe igqiza elilandela umkhondo wesisihelegu.
Ngokwengxelo edizwe ngabakwantsasana, ” Malunga ngecala emveni kwentsimbi yesibhozo(08:35) kusasa amapolisa afumene imizimba yezintwazana idunduluze kwihlathi i4th Avenue.
Iziphumo zibhentsisa ukuba amaxhoba aphakathi kweminyaka engama17-19 kwaye ukuzokuthi ga ngoku amagama wabo awakaziwa.
Abankwantsana baphantsi phezulu bekhangela naphantsi kwezicithi ezizigulamkhuba zenze lenyewe.
Umfanekiso: uthunyelwe
















