Advertisement

Inkonzo kaThixo-Lizwi ifaka isandla

UBhishophu uMfundisi Pumla Nzimande kunye noBhishophu wesithili uMfundisi Momgameli Noqayi kunye noMfundisi uGqirha Sox Leleki kunye nomlawuli wemishini uMfundisi Sva Waqu bagqithise amazwi ovelwano ngokungazenzisiyo kwabo bechaphazelwe zizikhukhula.

MTHATHA- ICawa yamaWisile ibumbene nentsapho ezichaphazelekayo kwizikhukhula zakutsha nje zaseMthatha. Lenkonzo ifake isandla kwabo badinga uncedo kakhulu.Ngokwengxelo edizwe yileCawa, izithili, isekethe kunye nemibutho yasekuhlaleni zibambene ngezandla zichasa bonke abo abachaphazelekayo.

Bangqinile ukuba leCawa izikuqhubeka ixhasa abantu basekuhlaleni.Ukongeza leCawa ibongoza ukuba amarhamente aqhubekeke ngokuxhasa abachaphazelekayo ngezipho, imithandazo kunye nokuvolontiya.

Umfanekiso: uthunyelwe