Advertisement

Oonyana bazitabhele emzini kaMabuyane

EMONTI- Iinkuntsela zoonqevu ziqhekeze umzi weNkulumbuso yephondo leMpuma Koloni Oscar Mabuyane, oseMonti ngalempela-veki.

Iingxelo zibhentsisa ngelithi lemigulukudu izithaphulele ubuxhaka-xhaka balemihla umculo, iimfono-mfono zasesinqeni kunye nezintsixo ze-ofisi ezixabisa ngapha kweR40 000.00.

Ngexesha kusenzeka lenyewe uMabuyane ebengekho kwaye akukho mntu wonzakeleyo.

Abankwantsana ephondweni banqwalile ukuba ngokwenene senzekile esisiganeko.

Othethela amapolisa ephondweni uKoloneli uSiphokazi Mawisa uthethe wenjenje, “Ipolisa ebeliphangele ngobabusuku liqaphele ukuba ifesitile ekwigumbi lokuphumla ayikho. Kulapho kubonakele khona ukuba umculo omkhulu kunye nesitixo se-ofisi azikho.”

Nanjengoko umzi weNkulumbuso ukwizinga eliphezulu lokhuseleko eliquka oonogada, amapolisa kunye namacingo ombane, oonyana babethe ngapha kwezo nzame.

Ukuzokuthi ga ngoku abarhanelwa basagcwele amathafa, kwaye amapolisa aqhuba uphando olunzulu.

Luxolo Buli

21 Canzibe 2025