MTHATHA- Isematheni INkundla ePhakamileyo yaseMthatha, oku kuza emveni kokuba kuthe kwavela amarhe wokuba amagosa asebenza kuleNkundla akhokhelisa ukunyotywa imali ukuze bancede uluntu ngomsebenzi ebekumele bayawenza.
Iingxelo zidandalazisa ngelithi izinto zijike zamuncu ngelixa iqumrhu lenthatheli elijamelene nokwenzeka kwenzinto ngendlela(Southern Africa Accountability Journalism Project), lisenza uphando olunzulu ngakuleNkundla nalapho kuthe kwafumaniseka ukuba amagqweta nomabhalane baleNkundla banyotywa ngemali engange R15 000.00 ukusukela kunyaka ophelileyo.
Ngelixa kudizwa iinkcukacha zophando kwafumaniseka ukuba ngamagosa alithoba afunyenwe enetyala kuquka unobhala weNkundla uBabalwa Sidima.
Abarhanelwa kunye nalona kaSidima bajike bazizimumu xana kufuneka bephendule ngezityholo aboyanyiswa zona, nalapho omnye wabo uye walahla esikhundleni sakhe waze wacela kwabanentsente.
Ukongeza ezonazinto’zitshotsha entla ezithanda unyotywa kakhulu ziquka ukufumana incwadi yamatyala akudala R2000; ukufumana usuku olukhawulezileyo lokuvela eNkundleni R15 000.00; ukujika umyalelo weNkundla R5000; kunye nokubaleka irhafu yemali yamatyala R15 000.00.
Nanjengoko kuvakala ukuba lomkhwa wokunyotywa kudala wagquba kuleNkundla yaseMthatha usukela ekuqaleni konyaka ka2000, lomkhwa utyabulana nobulungisa kwaye wehlisa nesidima somthetho weli loMzantsi Afrika.
Elinye lamagqwetha eline nyawo ezinodaka ekujameleni nolurhwaphilizo lithethe lenjenje, “Ukubola okwenzeka ezinkundleni buchaphazela abantu abangathathi ntweni lento yokuba ukhuphe imali uhoywa kuqala ichaza ukuba inene asilingani phambi komthetho”.
Kwiinzame zokuba kufumaneke izimvo ze-ofisi yeNtloko yeJaji yeli loMzantsi Afrika malunga ngezityholo, isithethi sale ofisi uLindokuhle Nkomonde uthethele ezantsi ngelithi, ” Ndicela nibambe elokuqala nanjengoko ndawuthumela umyalezo”.
Ukuzothi ga ngoku isengu nam nawe nanjengoko kungeka qameli mntu ngaqindi kulentyenka yorhwaphilizo ingaka.
Umfanekiso: INkundla ePhakamileyo yaseMthatha
Umfanekiso: Hoseya Jubase
Luxolo Buli
05 Canzibe 2025














