Advertisement

Inene inja izalele endlini eCala

CALA- Bakhala esimantshiyane abahlali beelali zaseCala, oku kuza emveni kokuba kuthe kwagquba umkhwa wokudlwengulwa kwamadoda edlwengulwa ngamnye, kula mimandla.

Ngokwengxelo yenina elithile nelizibonele ngeliso lenyema elinye ixhoba lithethe lenjenje, “Ndidibene nomntu ongutata ekhala phambi komnyango wam, xandibuza yintoni wathi ndidlwengulwe ngamadoda amathathu ebendihleli nawo kwindawo yokuthoba unxano”.

UKanti kwesinye isiganeko omnye womama uthi ubone umakhwelana wakhe ongutata ehamba nzima eseza, lotata uthe esazama ukunyamezela kodwa iintlungu zamnyanzelisa ukuba aphume egusheni ngento emehleleyo.

Ojamelene nabantu abahlukunyezwa ngokwesini(GBV) kwenye yeewadi zaseNdondo,eCala nowaziwa njengo Sis’ Nomsa uthethe wenjenje, “Sehlelwa zizinto apha kuba kumnyama izibane zasebusuku azisebenzi, abarhanelwa babanjwa kusasa emini sebengaphandle akukho mthetho kwaye asikhuselekanga tu, osisi badlwengulana bodwa notata badlwengulana bodwa”.

Ukuzothi ga ngoku lomkhuba uya unwenwa kwaye abo baphembelela lomkhwa basagcwele amathafa nanjengoko kungeka banjwa mntu kwezizganeko.

Umfanekiso: uthunyelwe

Luxolo Buli

23 Tshazimpuzi 2025