Advertisement

Inyanga ibhidanise iikomityi kwasweleka umntana

MAKHANDA- INkundla kaMantyi yaseMakhanda imfumene enetyala lokubulala ngokungenanjongo ugobela waseMakhanda uNtombentsha Limbo(57), oku kuza emveni kokuba losiyazi waxinxa inkwenkwana eneminyaka elishumi ubudala ngemixube yade yaphulukana nomphefumlo kwisiganeko sangonyaka ka2023.

Ingxelo etyebileyo ibhentsisa ngelithi ledyongwana yasiwa nguyise kulosiyazi ngelithi akathandi impilo yomntana nendlela aqhuba ngayo kwizifundo zayo esikolweni. Loka Limbo akazange aphosise maseko waze wayelela ukuba batshone embizeni ebilayo ngoko nangoko, nalapho wayalela ukuba utata nomntana ukuba umntu ngamnye asele i-5 litre yakhe ukuze bagabe.

Ukongeza lenkwenkwe yavele yafunyanwa yintloko yaze yacela ulala kancinci. Loka Limbo wabuya nje emveni komzuzu sele esithi uyaboniswa ukuba kukho idliso esuswini salenkwenkwe kwaye uzayiphinda ngenye imbiza engxamileyo.

Ukongeza izinto zijike zalukhuni xana lokaLimbo eselisa amanzi anesitena sesepha se-sunlight,efakwa emehlweni, ezindlebeni kunye nasemlonyeni ngelithi kuliwa amadimoni.Umntana ukhale esomfazi esithi ‘Tata ndicela kuyekwa kuba ndiyaziva ndiyafa‘ kodwa lokaLimbo uye waqina enyaleni ngelithi yimimoya nje emdaka lena ingafuni usela, kwaye uziqhelile imeko ezinjena.Uthe usoqala uphuma ugwebu ngomlomo ummtana, baqalalisa ubiza isithuthi sezempilo, waze wathathwa umntana nalapho afike wangqinwa njengo swelekileyo eisbedlele.

Othethela igunya bantu lezotshutshiso(NPA) eMpuma Koloni uLuxolo Tyali uthethe wenjenje, “Umhloli wezempilo ugqinile ngelithi ukuba umntana ebedibaniswe nezempilo emveni kwala 5 litre yokuqala ngeyisaphila, kuba kuye kwaphazamiseka amalungu wakhe omzimba angaphakathi kunye nengqondo.Nabani na onosela ilita eziyi-15 angasweleka”.

Ngelixa iNkundla iwisa isigwebo loka Limbo ugwetywe iminyaka eyi-9(emihlanu ingqunyanyisiwe kulo 9). Loka Limbo nanjengoko engaphikanga nto kodwa ume ngelithi akanguye unobangela kokufa kwalenkwenkwana.

Luxolo Buli

19 Tshazimpuzi 2025