NTABANKULU – Khange kuphele nantsuku zatywala phambi kokuba kunqakulwe utata wabucala(step-father ) obegcwele amathafa emveni kokuba ethe watyabekwa ngezityholo zokudlwengula ngokuphinda-phindeneyo intombi yakhe eneminyaka eyi12 ubudala yade yakhulelwa.
Iingxelo ziveza okwekati-ehlungwini ukuba loyise kudala eyidlwengula lentwazana amatyeli kwiminyaka edlulileyo, esisehlo senzeke kwindawo yaseMacwerheni, eNtabankulu.
Igqiza lamapolisa nabahlali baseNtabankulu baye bavutha ngumsindo kwaye bathi bhazalala emveni kwezithende zale ndoda emveni kokuba kuvakele ukuba itshotsh’phambili ekurhanelekeni ukuba yiyo lena yenze elinyala.
Elisikizi lenyala elimanyukunyezi ligxekwe kanobomu nguSodolophu womasipala wasekuhlaleni waseNtabankulu uCeba Tsileng Sobuthongo kwaye uthembise ngelithi bazokwenza nantoni na esemandleni ukuqinisekisa ukuba ziphoswa elwandle izintsixo zomenzi welisikizi. “Imbi lento kuvakala ukuba yenziwe ngumntu ebethenjiwe emntaneni, ityala lokudlwengula livuliwe kwaye amapolisa awalali nanjengoko eqhuba uphando olunzulu.”
Ukuzokuthi ga ngoku lentwanzana eneminyaka eyi-12 ubudala kuvakala ngelithi ukuba ide yakhulelwa koludlwengulo.
ISebe lezeMpilo ephondweni limaxhaphetshu ukuqinisekisa ukuba lentwazama ifumana uncedo lonyango oluswemgangathweni ophezulu nanjengoko ijamelene nobunzima.
Umrhanelwa kulindeleke ukuba aqabele emaplangeni, kwiNkundla kaMantyi yaseNtabankulu ngomhla we-11kule imiyo.
Umfanekiso: uthunyelwe
Luxolo Buli
10 Tshazimpuzi 2025












