GQEBERHA- INkundla ephakamileyo yaseGqeberha igwebe uLindile Hini(44) ubomi kwezimnyama izisele, oku kuza emveni kokuba lenkuntsela yesidlwengu yadlwengula inkondekazi(70) engumeza ngonyaka ka2023.
Iingxelo zibhentsisa ngelithi, lenkondekazi yaseGqeberha kwilokishi yaKwazakhele yayilele endlini yayo njengesiqhelo, kwaye ibingantsixi kwigummbi lokuphekela(Kitchen) nanjengoko unyana wakhe ebuya ngobusuku. Umeza walenkondekazi uLindile Hini ukusukela ngonyaka ka1984, wenza esothusayo ngomhla we-29 kweyeDwarha 2023, ngexesha esithi dyulukudu endlini yalenkondekazi ngobusuku enganxibanga kwaye waxelela lenkondekazi ukuba ‘Kudala ndililindele elithuba’.
Lenkuntsela yanyanzelisa lenkondekazi ukuba ikhululele ithanda-ingathandi, yandula ukumdlwengula. Emveni kokuba lenkuntsela yenze esisihelegu, yacela ipheyile kunye namanzi ukuba ihlambe amalungu wayo wangasese emveni koko yanquntsuza yemka.
Ukongeza ngosuku olulandelayo ixhoba laxelela unyana walo, emveni koko bachubela nabankwantsasana.
Ngokwengxelo etyekezwe ligunya-bantu lezotshutshiso ephondweni(NPA), ibalula ukuba lendoda yabanjwa ihleli endlini yayo ngomhla wesibini kweyeNkanga 2023.
Ukanti lona ixhoba lasiwa kwelinye lamaziko iThuthuzela ukuze lifunane unyango oluthe kratya.UHini ubanjwe ngomhla we-16 kweyoMqungu kulo umiyo, kwaye ebeqala ukwephula umthetho kweli loMzantsi Afrika,kwaye igama lakhe likuluhlu lwezidlwengu eMzantsi Afrika.
Umfanekiso: Lindile Hini
Umfanekiso: uthunyelwe

















Leave a Reply