MATATIELE- Ngokwesibhilivana esasibhalwe ngumbutho iAfriForum ngomhla we-17 kweyoMdumba 2025 sigxininisa ukugxeka abankwantsana ukuba zange bacele ncindi yeDNA kwinqununu yesikolo saseBergview, eMatatiele uJaco Pieterse apho kutyholwa ukuba kudlwengulwe intwazana eneminyaka esixhenxe(7) emasangweni esikolo kulonyaka uphelileyo.
Iingxelo zibhentsisa ukuba inqununu yesikolo iBergview College, eMatatiele iyala ukutyekeza iziphumo zeDNA kwabankwantsasana oku kuza emveni kokuba izityholo zigxininisa ukuba kwandlwengulwa intwazana eneminyaka esixhenxe emasangweni esikolo ngenyanga yeDwarha 2024.
Elinye lamalungu walombutho iAfriForum uBarry Bateman uxhome kwikhasi lakhe lika’X'(Twitter) ukuba icandelo labatshutshisi babucala beAfriForum alitshongo ukuba likhusela lomrhanelwa usisidlwengu. Kwaye abankwantsana abaqondi ukuba umrhanelwa lona nguye isidlwengu, umbutho iAfriForum awuyithandanga kwaphela into yokuba ipolisa eliphanda lenyewe licele iziphumo zencindi yeDNA kuPieterse, nanjengoko engakhange asondele nangonwele kulentwazana kwaye akukho bungqina ukuba lenyewe yenzeke emasangweni esikolo.
Ukongeza lombutho uyizobe into yokucelwa kweziphumo zeDNA zikaPieterse njengenyala lokuxhaphaza uPieterse. Kwaye khange angavumi ngokunikezela ngencindi yakhe yeDNA.
UMphathiswa weSebe lezeMfundo kuZwelonke uSiviwe Gwarube kunye noMphathiswa weNkonzo yesiPolisa eMzantsi Afrika(SAPS) uSenzo Mchunu abalali bakhengela izisombululo zokushukuxa lenyewe lona iSebe lezeMfundo ephondweni khange lilibazise liboleke nje iimpepha zokufundisa(Licence) nanjengoko isisikolo sabucala.
Umfanekiso: AfriForum
Umfanekiso: uthunyelwe














